Ugubungelwe lilifu elimnyama umzi wesipolisa!
Amapolisa amane nebesuka kwingingqi yaseChris Hani empangelweni aphulukene nemiphefumlo yawo kanye xa kusiyiwa emini maqanda izolo, kwingozi yemoto kwindlela ephakathi kweNgcobo noMthatha.
Le ngozi isube isihlanu semiphefumlo, amapolisa (4) kunye nomnye umkhweli naye ekukholeleka ukuba ebephakathi kwisithuthi eso samapolisa.
Abo baphulukene nemiphefumlo baphakathi kweminyaka engama-25 nama-35 ngamadoda amathathu kunye nabasetyhini ababini kwaye bebesebenza kwizikhululo zase-Alfred Nzo nase-OR Tambo.
Owongamele isipolisa kwiMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga uyalele ukuba kuphandwe ngokukhawuleza unobangela wesi sithwakumbe.
“Kubi, kubuhlungu. SiziManejala zakwaSAPS silimele zezindaba zibuhlungu kangaka. Kubuhlungu ukohlukana ngolu hlobo neenkokheli ebeziseze ngobuso elizweni zikwaqinisekisa nangozisa ucwangco eluntwini. Ndithi tutu kwizihlobo nezalamane!”
Okwangoku nje amagama wabo baswelekileyo awakaziswa logama kusaziswa amakhaya wabo.